Description
UQaqamba yintombi ephuma kwikhaya elihlelelekileyo kodwa enamaphupha. Iphupha lakhe kukuba abengugqirha ophum’izandla. Nangona kunjalo uQaqamba ujongene nemicelimngeni eliqela, kuquka noyise omzalayo ongahambisaniyo nokufundisa umntwana oyintombazana. Uwelwa ngumqa esandleni ukuze afezekise eli phupha lakhe. Ingaba uza kulilandela igama lakhe aqaqambe?




