Description
UThabo uya ehlathini eyokufuna ukutya kuba ungcolisekile umlambo wabo. Ubona iqanda eligolide alibeka ecaleni komlilo wasenkampini. Liyaqandusela ebusuku iqanda. UThabo uyamangaliswa kuba igongqongqo liqanduselwa eqandeni. Uyamgcina kwaye baba ngabahlobo benene. Olu luluhlu lokuqala lweehambo zodelongozi zikaThabo negongqongqo.




